Ujeremiya 32:22-37 Ibhayibhile (XHO96)

22. Wabanika umhlaba ochumileyo ovuza ubisi nobusi owawuthembisa ookhokho ngesifungo.

23. Bakuba bengenile bema kumhlaba owabanika wona, suka bayityeshela imiyalelo yakho, abakuthobela, abazenza tu izinto owathi maze bazenze. Yiyo ke loo nto behlelwe leli shwangusha nje.

24. “ ‘Khangela, asingqingile esi sixeko amaKaledi, enza iingqumba zokusihlasela. Siza kunikezelwa esi sixeko ngenxa yekrele, nendlala, nobhubhani. Ilizwi lakho liyazaliseka njengokuba nawe ubona.

25. Kuyo yonke loo nto, wena Mhlekazi Ndikhoyo, uthe kum: “Zithengele umhlaba ngemali phambi kwala mangqina,” kanye ngoku esi sixeko siza kunikezelwa esandleni samaKaledi.’ ”

26. Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

27. “Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.

28. Nditsho ke ngoko mna Ndikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni samaKaledi nakukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, yena oya kusithimba.

29. Aza kusihlasela amaKaledi, asintumeke ngomlilo, sitshe pam kunye nezo zindlu zabantu abandixhokonxa ngokwenzela kuzo isiqhumiso sesithixo uBhali neminikelo ethululwayo isenzelwa thixo bambi.

30. AmaSirayeli namaJuda ayesenza ubugwenxa bodwa ukusukela kwasekusekweni kwawo; âhlala endixhokonxa ngemisebenzi yezandla zawo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

31. Kwasekusekweni kwaso, kude kube ngoku, esi sixeko sandixhokonxa, sandivusela umsindo nengqumbo, kangangokuba kungokunje ndifuna sitshatyalaliswe siphele emehlweni am.

32. Ewe, amaSirayeli namaJuda andixhokonxile ngobugwenxa bawo; nditsho wona, ookumkani bawo, iziphathamandla, ababingeleli, abashumayeli, abantu bakwaJuda, nabemi baseJerusalem.

33. Bandifulathela nangona ndandiphindelela ukubafundisa; abavumanga ukuphulaphula nokuyamkela ingqeqesho.

34. Bade baxabhela nendlu ebizwa ngegama lam ngokuya kumisa kuyo ezo zithixo zabo zinezothe.

35. UBhali bamakhele amaqonga kulaa ntili iHinom, apho benzela khona uMoleki amadini ngoonyana neentombi zabo. Andizange ndithi mabenze amanyumnyezi anje; ayizange ifike nokufika kum ingcinga yokuba bangade benze isikizi elinje ukulukuhlela uJuda esonweni.”

36. “Nina nithi abantu besi sixeko baza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele nendlala nobhubhani. Ukanti nantsi into ethethwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngabo:

37. ‘Ngenene, ndiza kubaqokelela kuzo zonke iindawo endabasarhaza kuzo ndinomsindo omkhulu nengqumbo engathethekiyo, ndibabuyisele kwakule ndawo, bahlale bekhuselekile,

Ujeremiya 32