Ujeremiya 32:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. ‘Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Thatha ezi ncwadi zentengiso zombini, nditsho etywiniweyo nengatywinwanga, uzifake engqayini, ukuze zigcinakale ixesha elide.

15. Kaloku utsho uNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Ziza kubuya zithengwe izindlu, nemihlaba, kunye nezidiliya kweli lizwe.’ ”

16. “Ndathi ndakuba ndimnikile uBharuki incwadi yentengiso yomhlaba, ndathandaza ndibhekisa *kuNdikhoyo, ndisithi:

17. ‘Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!

18. Wena uwenzela ububele amawaka-waka, uphinde ubuyekeze ubugwenxa booyise kwizizukulwana, wena Thixo omkhulu onamandla, ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

19. Hayi ukuphakama kwezicwangciso zakho nokumangalisa kwemisebenzi yakho, omehlo aqwalasele zonke iindlela zabantu, ukuze ubuyekeze ulowo nalowo ngokwesimo nezenzo zakhe!

20. Wênza imiqondiso eJiputa. Uthe rhoqo ukwenjenjalo unanamhla nalapha kwaSirayeli naseluntwini luphela, wazenzela igama njengokuba kusenjalo.

21. Wabakhupha eJiputa abantu bakho amaSirayeli ngemiqondiso nemimangaliso ngesandla sakho esomeleleyo nangengalo yakho enamandla, eyabarhwaqelisayo abantu.

22. Wabanika umhlaba ochumileyo ovuza ubisi nobusi owawuthembisa ookhokho ngesifungo.

23. Bakuba bengenile bema kumhlaba owabanika wona, suka bayityeshela imiyalelo yakho, abakuthobela, abazenza tu izinto owathi maze bazenze. Yiyo ke loo nto behlelwe leli shwangusha nje.

24. “ ‘Khangela, asingqingile esi sixeko amaKaledi, enza iingqumba zokusihlasela. Siza kunikezelwa esi sixeko ngenxa yekrele, nendlala, nobhubhani. Ilizwi lakho liyazaliseka njengokuba nawe ubona.

25. Kuyo yonke loo nto, wena Mhlekazi Ndikhoyo, uthe kum: “Zithengele umhlaba ngemali phambi kwala mangqina,” kanye ngoku esi sixeko siza kunikezelwa esandleni samaKaledi.’ ”

26. Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

27. “Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.

Ujeremiya 32