13. Ndamyalela uBharuki emehlweni abo bonke, ndathi:
14. ‘Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Thatha ezi ncwadi zentengiso zombini, nditsho etywiniweyo nengatywinwanga, uzifake engqayini, ukuze zigcinakale ixesha elide.
15. Kaloku utsho uNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Ziza kubuya zithengwe izindlu, nemihlaba, kunye nezidiliya kweli lizwe.’ ”
16. “Ndathi ndakuba ndimnikile uBharuki incwadi yentengiso yomhlaba, ndathandaza ndibhekisa *kuNdikhoyo, ndisithi:
17. ‘Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!
18. Wena uwenzela ububele amawaka-waka, uphinde ubuyekeze ubugwenxa booyise kwizizukulwana, wena Thixo omkhulu onamandla, ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.