1. Kunyaka weshumi ukumkani uZedekiya elawula kwaJuda, owawungunyaka weshumi elinesibhozo kulawula ukumkani uNebhukadenezare eBhabheli, lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo.
2. Ngelo xesha umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuyingqingile iJerusalem, yena uJeremiya evalelwe eyadini yabalindi ebhotwe lakwaJuda.
3. Wayevalelwe entolongweni apho ngukumkani wakwaJuda uZedekiya, esithi: “Kutheni le nto ushumayela ngolu hlobo? Kaloku uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikezela esandleni sokumkani waseBhabheli, ndimvumele asithimbe.
4. Ke yena uZedekiya ukumkani wakwaJuda naye akayi kusinda esandleni samaKaledi, koko wonikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli, babonane ngamehlo, bathethe ubuso ngobuso.
5. Ukumkani waseBhabheli womthatha uZedekiya, amse eBhabheli, apho aya kuhlala khona kude kufike ithuba lokuba ndimvele, lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Nokuba ningade nilwe nomkhosi wamaKaledi anisayi kuphumelela.’ ”
6. UJeremiya wathi: “Livakele ilizwi likaNdikhoyo lisithi kum:
7. UHanameli, unyana kayihlokazi uShalum, uza kuza kuwe, athi: ‘Wuthenge umhlaba wam oseAnatoti. Kaloku nguwe isizalwana segazi esinelungelo lokukhulula loo mhlaba.’
8. “Eneneni ke, weza kum apho kuloo yadi yasebhotwe uHanameli unyana kabawokazi, wathi: ‘Khawuwuthenge umhlaba wam oseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin. Kaloku nguwe isizalwana segazi esinelungelo lokuwukhulula loo mhlaba uwuthenge.’“Ndaqonda ke ukuba ngenene nguNdikhoyo lo ubethetha nam.