Ujeremiya 31:9-24 Ibhayibhile (XHO96)

9. Bobuya belila begixa,ndibakhokele betarhuzisa,bahambe ngakwimilambo empompozayo,kwiindlela ezithe tye,bangabi sakhubeka.Suka ndanguyise kuSirayeli;uEfrayim wayinkulu yam!

10. “Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina zintlanga;libhengezeni nakwiziqithi ezikude, nithi:‘Lowo wawachitha-chithayo amaSirayeli wobuya awaqokelele,awaluse oku komalusi elind' umhlambi.’

11. Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi;amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.

12. Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon,bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo;ewe, nditsho ingqolowa,newayini entsha,namafutha omnquma,neenkomo neegusha abaphe zona.Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo,bangabi saphinda baxhwaleke.

13. Iintombi zongqungqa, zigcobe,benjenjalo abafana kwanamadoda.Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo;ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.

14. Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo,abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

15. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuvakala isikhalo esikrakra eRama.URakeli ulilela abantwana bakhe,engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”

16. Utsho ke uNdikhoyo ukuthi:“Ngxe, yeka ukulila!Musa ukuba nyembezana.Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.

17. Likho ithemba ngekamva lakho,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“kuba abantwana bakho baza kubuyela kwelokuzalwa.

18. Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi:‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo.Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe,kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.

19. Ndakuba ndikreqile, ndibuye ndazohlwaya;ndakuba ndiziqondile, ndizive ndidanile.Ndineentloni, ndihlazekilengenxa yokusindwa ngamahlazo obutsha bam.’

20. Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane,umntwana endinebhongo ngaye?Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo.Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe;inene, ndomthi jize ngenceba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

21. “Misa izalatha-ndlela, ugxumeke izalathiso.Qwalasela indlela owohamba ngayo.Goduka, ntombindini Sirayeli;buyela kwiidolophu zakowenu.

22. Koda kube nini uthingaza, ntombindini ingathembekanga?UNdikhoyo udale into entsha emhlabeni:umfazi ekhusela indoda.”

23. Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’

24. Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla.

Ujeremiya 31