2. Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela inceba entlango,ndiwanike ukuphumla amaSirayeli.”
3. UNdikhoyo wabonakala kwamandulo, wathi:“Sirayeli, ndikuthanda ngothando olungapheliyo;ndahlala ndikwenzela izibele.
4. Ndiza kubuya ndikuvuse, utsho wakheke, ntombindini Sirayeli!Uza kubuya ugaxele amagubu,ungenelele kumxhentso wabavuyayo.
5. Wobuya ulime iidiliya kweziya ntili zaseSamariya,olimayo axhamle iziqhamo zazo.
6. Kuza imini abaya kuthi abalindi bamemezebekwiinduli zakwaEfrayim,bathi: ‘Yizani sinyukele kwintaba iZiyon,siye kuNdikhoyo uThixo wethu.’ ”
7. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Dandulukani nivuye ngenxa kaYakobi;memelelani ngenxa yenjinga yezizwe,nitsholoze nithi:‘Basindise abantu bakho, Ndikhoyo,nditsho amasalela akwaSirayeli.’
8. Nâbo ndibakhupha emantla,ndibaqokelela eziphelweni zehlabathi!Zilapho iimfama neziqhwala,abakhulelweyo nasebesindeka.Yoba nguMbo nomXesibe ukujong' ekhaya.
9. Bobuya belila begixa,ndibakhokele betarhuzisa,bahambe ngakwimilambo empompozayo,kwiindlela ezithe tye,bangabi sakhubeka.Suka ndanguyise kuSirayeli;uEfrayim wayinkulu yam!
10. “Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina zintlanga;libhengezeni nakwiziqithi ezikude, nithi:‘Lowo wawachitha-chithayo amaSirayeli wobuya awaqokelele,awaluse oku komalusi elind' umhlambi.’
11. Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi;amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.
12. Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon,bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo;ewe, nditsho ingqolowa,newayini entsha,namafutha omnquma,neenkomo neegusha abaphe zona.Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo,bangabi saphinda baxhwaleke.
13. Iintombi zongqungqa, zigcobe,benjenjalo abafana kwanamadoda.Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo;ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.
14. Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo,abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
15. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuvakala isikhalo esikrakra eRama.URakeli ulilela abantwana bakhe,engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”