Ujeremiya 31:19-38 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ndakuba ndikreqile, ndibuye ndazohlwaya;ndakuba ndiziqondile, ndizive ndidanile.Ndineentloni, ndihlazekilengenxa yokusindwa ngamahlazo obutsha bam.’

20. Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane,umntwana endinebhongo ngaye?Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo.Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe;inene, ndomthi jize ngenceba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

21. “Misa izalatha-ndlela, ugxumeke izalathiso.Qwalasela indlela owohamba ngayo.Goduka, ntombindini Sirayeli;buyela kwiidolophu zakowenu.

22. Koda kube nini uthingaza, ntombindini ingathembekanga?UNdikhoyo udale into entsha emhlabeni:umfazi ekhusela indoda.”

23. Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’

24. Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla.

25. Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala,

26. batsho bathi: ‘Khangela, besilele, savuka sihlaziyekile.’”

27. UNdikhoyo uthi: “Iyeza imihla yokuba isizwe sikaSirayeli nesikaJuda ndisitsho sinyakazele yinzala yabantu neyemfuyo.

28. Kanye njengoko ndingaphazamanga ukubancothula nokubadiliza nokubabhuqa nokubatshabalalisa nokubahlisela ishwangusha, ewe, ndiya kwenjenjalo ukwakha nokutyala.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

29. “Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’

30. Umntu ngamnye uya kufa ngenxa yobugwenxa bakhe. Kuya kuthi lowo utya iidiliya ezimuncu, kube buthelezi awakhe amazinyo.”

31. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.

32. Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

33. “Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.

34. Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

35. NguNdikhoyo omisele ilanga ukuba likhanyise emini,ngokunjalo inyanga neenkwenkwezi ukuba zikhanyise ebusuku;ulozamazamisa ulwandle, agqume amaza;kuthiwa nguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.

36. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Xa ingatshitshayo le mimiselo ndingabi sayibona,nesizukulwana sikaSirayeli singanqamka singabi saba ngabantu bam.”

37. Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Mhla isibhakabhaka phezulu saba nokulinyaziswa,neziseko zomhlaba ngaphantsi zaba nokugocagocwa,kungelo thuba kuphela endingathi ndisibukule isizukulwana sikaSirayeli xa sisonke.”

38. Lo ngumlomo kaNdikhoyo: “Iyeza imihla yokuba esi sixeko sakhelwe uNdikhoyo ukusuka kwinqaba kaHananeli kuse kwiSango leKona.

Ujeremiya 31