Ujeremiya 30:8-23 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke:‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo,ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo,bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.

9. Ndaweni yaloo nto baza kuba zizicaka zikaNdikhoyo uThixo wabo,nezicaka zokumkani wabo uDavide endiya kubavelisela yena.’

10. “ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi;nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude,ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo.Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo,kungabe kubekho bani umothusayo.

11. Ndinawe ukuze ndikusindise.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazondozitshabalalisa mpela,kodwa wena andiyi kukucima tu igama.Nawe phofu uza kohlwaywa;ndiza kukuqeqesha,phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’

12. “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku;wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.

13. Awunamthetheleli;awunayeza lokuzinyanga izilonda,ungenalo nethemba lokuphiliswa.

14. Izithandwa zakho zikulibele zonke;azisacingi nokucinga oku ngawe.Ndikubethe oku kotshaba,ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu,nezono zakho ezininzi.

15. Yini ukuba ukhale ngenxa yenxeba lakho,nangenxa yeentlungu zakho ezingenakunyangeka?Ndikwenzele konke oku ngenxa yobukhulu bezikreqo zakhonobuninzi bezono zakho.

16. “ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo;bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni.Bonke abakuphangayo nabo bophangwa;nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.

17. Ke wena ndiza kukubuyisela empilweni,ndikupholise amanxeba,nakuba kusithiwa ungumlahlwa, iZiyon engafunwa bani.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

18. “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe,zidle ngendebe endala,ndibe nemfesane kumzi ngamnye.Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa,nebhotwe lime kwasendaweni yalo.

19. Kovakala intsholo yemibongo apho,nentswahla yemigcobo.Ndobatsho bande, banganciphi;babaluleke, bangadeleki.

20. Inzala yabo yoba njengeyamandulo,ibandla labo ndilizinzise,ndibohlwaye bonke ababacinezelayo.

21. Inkokheli yabo yovela kwakubo,umlawuli aphume phakathi kwabo.Uya kuvela ngokubizwa ndim,asondele kufuphi nam,kungekho bani nje ungade asondele kum ndingambizanga.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

22. ‘Ewe, niya kuba ngabantu bam,mna ndibe nguThixowenu.’ ”

23. Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.

Ujeremiya 30