3. Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”
4. Wenjenje ukuthetha uNdikhoyo, ebhekisa kumaSirayeli nakumaJuda:
5. “Utshilo uNdikhoyo ukuthi:‘Kuvakala isikhalo esibangwa lixhala.
6. Khawuthi xha, ukhe ucinge:yakha yazala kanene indoda?Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba?Kutheni ematshekile nje?
7. Mawoo! Hayi ukuba nkulu kwaloo mini!Ayikho eyakha yafana nayo.Lixesha lembandezelo kwindlu kaYakobi,kodwa noko yosinda kuyo.’
8. “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke:‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo,ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo,bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.
9. Ndaweni yaloo nto baza kuba zizicaka zikaNdikhoyo uThixo wabo,nezicaka zokumkani wabo uDavide endiya kubavelisela yena.’
10. “ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi;nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude,ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo.Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo,kungabe kubekho bani umothusayo.