Ujeremiya 3:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. UJuda wabona ukuba umkreqikazi uSirayeli ndamnika incwadi yoqhawulo-mtshato ngenxa yokukrexeza, kodwa yena akazange othuke, suka naye ngokwakhe wangena kolo krexezo.

9. Ngenxa yokuba yaba yinto elula kumkreqikazi uSirayeli ukuhenyuza, walixabhela ilizwe, kuba wayekrexeza ngokunqula izinto ezingamatye nemithi.

10. Kuyo yonke loo nto uJuda udade wabo ongathembekanga akazange abuyele kum ngentliziyo yonke, wasuka wandixokisa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

11. UNdikhoyo uqhube wathi kum: “Noko ityala lomkreqikazi uSirayeli linganeno kwelikaJuda ongathembekanga.

Ujeremiya 3