Ujeremiya 29:19-26 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kaloku abawahoyanga amazwi endaphindelela ukuwathetha ngabashumayeli izicaka zam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Kanti nina bathinjwa nani khange naphulaphula.

20. “Nina ke endanifudusayo eJerusalem ndanenza naba ngabathinjwa eBhabheli, liveni ilizwi likaNdikhoyo.

21. Ngokubhekiselele kuAhabhi unyana kaKolaya nakuZedekiya unyana kaMaseya abanishumayeza egameni lam bexoka utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Bona ndiza kubanikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ababulale apha ngaphambi kwenu.

22. Bonke abantu abasiwa ekuthinjweni eBhabheli, befuduswe eJerusalem, bothi xa befuna ukuqalekisa: ‘UNdikhoyo makakufanise noZedekiya noAhabhi abafakwa emlilweni behleli ngukumkani waseBhabheli.’

23. Kaloku benze isikizi kwaSirayeli: bona bakrexeza nabafazi babamelwane, bathetha egameni lam bexoka, bengathunywangwa ndim. Ndiyayazi loo nto mna, yaye ndilingqina layo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

24. Yithi kuShemaya umNehelam:

25. “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Wena wathumela iincwadi egameni lakho kubo bonke abantu baseJerusalem, nakumbingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, nakubo bonke abanye ababingeleli. Wabhalela uZefaniya wenjenje:

26. ‘UNdikhoyo ubeke wena waba ngumbingeleli esikhundleni sikaJoyada. Nguwe ke ngoku usomaqhuzu endlwini kaNdikhoyo. Ingumsebenzi wakho ke ukuba onke amageza azenza abashumayeli akhonkxwe iinyawo ngezikhuni, afakwe nentsimbi entanyeni.

Ujeremiya 29