Ujeremiya 28:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke:

2. “Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu.

3. Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare.

4. Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”

5. UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo,

6. wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli!

Ujeremiya 28