Ujeremiya 26:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndafikelwa lilizwi livela *kuNdikhoyo, esaqala ukulawula uJoyakim, ukumkani wakwaJuda, unyana kaJosiya, lisithi:

2. “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Yiya phaya eyadini yendlu kaNdikhoyo, ufike uthethe nabo bonke abantu beedolophu zakwaJuda abeze kunqulela endlwini kaNdikhoyo, ubaxelele konke endakuyalela kona, ungashiyi nento le.

3. Mhlawumbi bangeva aba bantu, elowo aguquke ayiyeke imikhwa yakhe emibi. Nam ke ndorhoxa ekubahliseleni intlekele njengoko besendigqibe ukwenjenjalo ngenxa yezenzo zabo ezimdaka.

4. “Yithi kubo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukuba nineenkani, naza anawuthobela umyalelo endinimisele wona,

5. ningawahoyi namazwi ezicaka zam abashumayeli endiphindelele ukubathumela kuni naxa beningaphulaphuli kakade,

6. le ndlu ndoyenza ifane neShilo, nesi sixeko sitsho sibe yinto ekuqalekiswa ngayo phakathi kwezizwe zehlabathi.’ ”

7. Ababingeleli, nabashumayeli, kwakunye nabantu xa bebonke, bamva uJeremiya ewathetha la mazwi endlwini kaNdikhoyo.

Ujeremiya 26