32. Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:‘Yehl' intlekele!Isuka kwesi sizwe, iye kwesiya,oku kwenkanyamba evela kumaphethelo elizwe.’ ”
33. Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.
34. Yitshoni ngesimbonono, nina belusi,niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi.Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu;niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.
35. Ophela amahlathi kuni, belusi;nani, zikhwakhwamela zomhlambi, anisayi kuphuncuka.
36. Bayambomboloza abelusi;ziyangquleka izikhwakhwamela zomhlambi;kuba kaloku uNdikhoyo ulibharhisile idlelo.
37. Zitsho zangumqwebedu neentili eziluhlaza,ngenxa yengqumbo erhwaqelisayo kaNdikhoyo.