Ujeremiya 25:17-35 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndayithatha ke loo ndebe esandleni sikaNdikhoyo, ndayiseza zonke iintlanga awayendithume kuzo.

18. Ndayisa eJerusalem nakuzo zonke iidolophu zakwaJuda, neekumkani neziphathamandla zazo, basela, yatsho yayinkangala, into eyoyikekayo, intlekisa nesiqalekiso, njengoko isenjalo nanamhla.

19. Abathe basela kuloo bhekile ngaba: Ukumkani waseJiputa kunye namagosa akhe neziphathamandla, nabo bonke abantu baseJiputa,

20. kwakunye nabangeneleli; bonke ookumkani belaseUzi, nabo bonke ookumkani bezixeko zamaFilistiya: iAshkelon, iGaza, iEkron, namasalela aseAshdodi;

21. bonke abantu base-Edom, eMowabhi, naseAmon, bayisela;

22. ookumkani baseTire naseSidon bonke; ookumkani bamazwana angaphesheya kolwandle nabo bayisela,

23. kunye nezixeko zaseDedan, eTema, naseBhuze, nabantu abacheba iinwele ezintlafunweni basela;

24. ookumkani bama-Arabhu, nookumkani bezizwe ezingumxube zasentlango;

25. nookumkani baseZimri nase-Elam naseMediya,

26. nabo bonke ookumkani basemantla, abakude nabakufuphi ngokulandelelana. Zonke izizwe eziphezu komhlaba zimelwe kukusela kuloo bhekile yengqumbo kaThixo. Ekugqibeleni ke iya kuba ngukumkani waseSheshaki oya kusela.

27. “Baxelele ke abantu uthi: ‘UNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi: Selani ninxile nide nihlanze, niwe ningavuki ngenxa yekrele endinizisela lona.’

28. Xa besala ukuyithatha basele loo bhekile isezandleni zakho, uze uthi: ‘Kutsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: Selani! Nakanjani na, selani!

29. Niyabona, ndiza kuqala apha kanye kwesi sixeko sibizwa ngegama lam, ndisihlisele intlekele. Niba nina niya kubhunca? Aningekhe ningohlwaywa, kuba ndibazisela ikrele bonke abemi behlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.’

30. “Wena ke, bashumayeze ubaxelele olu daba, uthi:“ ‘UNdikhoyo uyazongoma esibhakabhakeni;izwi lakhe lihlokoma ekhayeni lakhe elilodwa.Ugragramela umhlaba wakhe ngamandla;utsho ngentswahla okwabaxovula iidiliya,ebhekisa kubemi behlabathi xa lilonke.

31. Intlokoma yovakala naseziphelweni zehlabathi,kub' uNdikhoyo wob' esisa izizwe ematyaleni,lugwetywe lonke uluntu,amatshijolo awanikele kwikrele.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

32. Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:‘Yehl' intlekele!Isuka kwesi sizwe, iye kwesiya,oku kwenkanyamba evela kumaphethelo elizwe.’ ”

33. Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.

34. Yitshoni ngesimbonono, nina belusi,niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi.Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu;niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.

35. Ophela amahlathi kuni, belusi;nani, zikhwakhwamela zomhlambi, anisayi kuphuncuka.

Ujeremiya 25