Ujeremiya 23:29-40 Ibhayibhile (XHO96)

29. “Alinjengomlilo na ilizwi lam, lingenjengehamile na eyaphula ilitye lenyengane?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30. Nguwo lo ke umlomo kaNdikhoyo: “Ndibachasile abo bashumayeli abeba omnye komnye amazwi angathi ngawam.

31. Ndibachasile kwanabo bashumayeli bashumayela ngobabo ubuciko, suka bathi: ‘Utsho uNdikhoyo.’ ”

32. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

33. “Xa aba bantu bekubuzayo, nokuba *ngumshumayeli nokuba ngumbingeleli, besithi: ‘Udaba olundilisekileyo *lukaNdikhoyo luthini?’ uze uthi: ‘Ungumthwalo wena kuNdikhoyo; ibe uza kukothula.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

34. “Xa kukho umntu, nokuba ngumshumayeli, nokuba ngumbingeleli, othi xa ethetha: ‘Nalu udabaNgesiHebhere umthwalo nodaba olundilisekileyo ligama elinye lukaNdikhoyo,’ loo mntu uya kohlwaywa kunye nentsapho yakhe.

35. “Nisoloko nibuza kubahlobo nakwizizalwane nisithi: ‘Impendulo kaNdikhoyo ithini? Uthini uNdikhoyo?’

36. Kambe maningabi sawasebenzisa amazwi athi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ kuba ilizwi lomntu ngamnye losuka libe ludaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo kuye, abe ewagqwetha amazwi kaThixo onguThixo wethu ophilayo, uNdikhoyo uSomandla-onke.

37. Nibuza kubashumayeli nisithi: ‘Itheni impendulo kaNdikhoyo? Utheni uNdikhoyo?’

38. Ukuba nithi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ ndibe mna bendithe ze ningabi sawathetha amazwi athi: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’

39. ngako oko, niyabona, ndiza kunithatha ndiniphose kude lee kunye neso sixeko senu ndasinika ookhokho benu.

40. Ndonihlisela ihlazo elingenasiphelo nokuphoxeka okungasokuze kulibaleke.”

Ujeremiya 23