15. Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyongokusingisele kubashumayeli baseJerusalem:“Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo,ndibaseze amanzi anetyhefu,kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”
16. Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;banithembisa ilize.Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.
17. Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”
18. Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo?Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe?Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?
19. Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
20. Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.
21. Abathunywanga ndim aba bashumayeli,kodwa noko basuke bagijima.Zange ndithethe nabo,kodwa bona basuke bashumayela.
22. Ukuba bebekho kwigqugula lam ngebewavakalisa amazwi am endiwabhekisa ebantwini bam.Ngebebajikile kwiindlela zabo ezimbinakwizenzo zabo ezikhohlakeleyo.
23. “NdinguThixo wakufuphi na?”utsho umlomo kaNdikhoyo,“ndingabi nguThixo wakude na?
24. Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
25. “Ndiyivile into ethethwa ngâbo bashumayeli bashumayela ubuxoki egameni lam. Bathi: ‘Ndiphuphe iphupha! Ndiphuphe iphupha!’
26. Koda kube nini na iqhubeka le nto eyenziwa ngabashumayeli abashumayela ubuxoki, bevakalisa inkohliso yeengcinga zabo?
27. Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali.
28. Umshumayeli ongumchazi-maphupha makatsho ukuba uchaza nje iphupha, kodwa lowo ushumayela evakalisa amazwi am makenjenjalo ngentembeko. Ufunani umququ engqoloweni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
29. “Alinjengomlilo na ilizwi lam, lingenjengehamile na eyaphula ilitye lenyengane?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
30. Nguwo lo ke umlomo kaNdikhoyo: “Ndibachasile abo bashumayeli abeba omnye komnye amazwi angathi ngawam.
31. Ndibachasile kwanabo bashumayeli bashumayela ngobabo ubuciko, suka bathi: ‘Utsho uNdikhoyo.’ ”
32. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.