Ujeremiya 23:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. “Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi,balahleke bawe emnyameni.Ndiza kubahlisela ishwangushangethuba lokohlwaywa kwabo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kubashumayeli baseSamariya ndibone into emanyumnyezi:ndibone beshumayela ngoBhali,belahlekisa abantu bam amaSirayeli.

14. Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi;bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka.Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi,kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe.Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom;abemi balapho bafana nabaseGomora.”

15. Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyongokusingisele kubashumayeli baseJerusalem:“Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo,ndibaseze amanzi anetyhefu,kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”

16. Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;banithembisa ilize.Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.

Ujeremiya 23