Ujeremiya 22:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”

10. Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,ningazili kuba selengasekho,koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,kuba kaloku yena akasobe abuye,engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.

11. Kaloku malunga noShalum unyana kaJosiya owaba ngukumkani endaweni kayise, noselemkile kule ndawo, uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akayi kube abuye.

12. Uya kufela kuloo ndawo athinjelwe kuyo; akasobe abuye alibone eli lizwe.”

13. “Mawoo kulowo uzakhela ibhotwe ngeendlela zobuqhophololo,namagumbi aphezulu ngobumenemene,esetyenzelwa simahla ngamawabo,engawaniki mvuzo ngokubulaleka kwawo.

14. Uthi: ‘Ndozakhela ipomakazi lebhotweelinoobhazabhaza bamagumbi aphezulu abethwa ngumoya.’Ulakha lineefestile,aliqukumbele ngamaplanga omthi womsedare,alihombise ngembola.

15. Ngaba ukumkani ngukumkani ngokugqitha abanye ngokuzakhela ngomsedare?Uyihlo wayesidla asele.Wayelilungisa engenamkhethe,waza waba nempumelelo kwinto yonke.

16. Wayeyibonelela imeko yamahlwempu neembedlenge,waza kuyo yonke loo nto waba nempumelelo.Kunjalo ke ukwazana nam.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.

17. “Kodwa wena into ojonge kuyo ngomxhelo wonkekukufumana inzuzo ngobuqhophololo,ngokugwinta abantu abangenatyala,nokucinezela abantu bakho ubacudisa.”

18. Utsho ke ngoko uNdikhoyo ngoJoyakim unyana kaJosiya, ukumkani wakwaJuda, ukuthi:“Akayi kuzilelwa bani xa afileyo;akukho uya kuthi: ‘Yini, mntakwethu! Yini, dade wethu!’kungekho noya kumlilela esithi: ‘Yini, nkosi yam! Yini, mhlekazi!’

19. Uya kungcwatywa okwedonki,arhuqwe aye kulahlelwa ngaphandle kwamasango eJerusalem.”

20. “Nyuka iLebhanon, ugxwale apho.Danduluka eBhashan, ukhale phezu kweentaba zaseAbharim,kuba boyisiwe bonke abathandana nawe.

21. Ndakulumkisa usemi kakuhle,kodwa wena wathi: ‘Ngunotshe!Soze ndikuphulaphule!’Yinto oqhel' ukuyenza leyo kwasebutsheni bakho;akuzange wavuma ukulithobela izwi lam.

22. Onke amahlakani akho aya kuphetshethwa ngumoya,abathandana nawe basiwe ekuthinjweni,uphoxeke, uhlazeke, ngenxa yamanyundululu akho.

Ujeremiya 22