4. Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo.
5. Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
6. Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nakuba nje kum unjengeGiliyadinanjengencopho yeLebhanon,ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,ube ziidolophu ezingenabemi.
7. Ndikuthumela abatshabalalisiabofika elowo ephethe izikhali zakhe,bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,bayiphose emlilweni.
8. “Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’
9. “Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”
10. Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,ningazili kuba selengasekho,koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,kuba kaloku yena akasobe abuye,engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.
11. Kaloku malunga noShalum unyana kaJosiya owaba ngukumkani endaweni kayise, noselemkile kule ndawo, uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akayi kube abuye.
12. Uya kufela kuloo ndawo athinjelwe kuyo; akasobe abuye alibone eli lizwe.”
13. “Mawoo kulowo uzakhela ibhotwe ngeendlela zobuqhophololo,namagumbi aphezulu ngobumenemene,esetyenzelwa simahla ngamawabo,engawaniki mvuzo ngokubulaleka kwawo.
14. Uthi: ‘Ndozakhela ipomakazi lebhotweelinoobhazabhaza bamagumbi aphezulu abethwa ngumoya.’Ulakha lineefestile,aliqukumbele ngamaplanga omthi womsedare,alihombise ngembola.
15. Ngaba ukumkani ngukumkani ngokugqitha abanye ngokuzakhela ngomsedare?Uyihlo wayesidla asele.Wayelilungisa engenamkhethe,waza waba nempumelelo kwinto yonke.
16. Wayeyibonelela imeko yamahlwempu neembedlenge,waza kuyo yonke loo nto waba nempumelelo.Kunjalo ke ukwazana nam.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.
17. “Kodwa wena into ojonge kuyo ngomxhelo wonkekukufumana inzuzo ngobuqhophololo,ngokugwinta abantu abangenatyala,nokucinezela abantu bakho ubacudisa.”