Ujeremiya 22:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo.

5. Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

6. Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nakuba nje kum unjengeGiliyadinanjengencopho yeLebhanon,ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,ube ziidolophu ezingenabemi.

7. Ndikuthumela abatshabalalisiabofika elowo ephethe izikhali zakhe,bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,bayiphose emlilweni.

8. “Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’

9. “Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”

10. Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,ningazili kuba selengasekho,koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,kuba kaloku yena akasobe abuye,engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.

Ujeremiya 22