Ujeremiya 22:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya ebhotwe lokumkani wakwaJuda, khona uthethe eli lizwi uthi:

2. ‘Libekele indlebe ilizwi likaNdikhoyo, kumkani ohleli esihlalweni sikaDavide – nditsho wena, namaphakathi akho, kwakunye nabantu abangena ngala masango.

3. Utsho uNdikhoyo ukuthi: Gwebani ngobulungisa, okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli. Abangeneleli neenkedama nabahlolokazi ze ningabaphathi kakubi okanye nibacinezele. Igazi elingenatyala malingaze liphalazwe kule ndawo.

4. Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo.

5. Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

6. Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nakuba nje kum unjengeGiliyadinanjengencopho yeLebhanon,ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,ube ziidolophu ezingenabemi.

7. Ndikuthumela abatshabalalisiabofika elowo ephethe izikhali zakhe,bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,bayiphose emlilweni.

Ujeremiya 22