1. Ilizwi *likaNdikhoyo lavakala kuJeremiya mhla uPashure unyana kaMalkiya, kunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, bathunywayo kuye ngukumkani uZedekiya, besithi:
2. “Khawusibuzele kuNdikhoyo. Kaloku ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli uze kulwa nathi. Mhlawumbi angabuya enze imimangaliso uNdikhoyo njengangaphambili, simbone selegoduka nomkhosi wakhe uNebhukadenezare.”
3. Uthe ukuphendula yena uJeremiya: “Yithini kuZedekiya:
4. UNdikhoyo uThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, ndozenza izikrweqe zenu ezisezandleni zenu zibe lilize, nditsho ezi nilwa ngazo ukumkani waseBhabheli namaKaledi aningqingayo. Ewe, wona asengaphandle kweendonga ngoku, kodwa ndiza kuwahlanganisela esazulwini sesi sixeko.