8. Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.
9. Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”lisuka libe ngumlilo otshisayo,umlilo ovalelwe emathanjeni am.Ndoyisakele kukuwunqanda;ewe, ndiyanikezela.
10. Ndive abaninzi besebeza besithi:“Lunxunguphalo jikelele!Makamangalelwe, simse ngaphambili!”Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,size simfumane, siziphindezele kuye.”
11. Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;ligorha elomeleleyo.Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.
12. Ndikhoyo Somandla-onke,wena uwavavanyayo amalungisa,uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.
13. Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyokwigunya labantw' abagwenxa.
14. Unelishwa umhla endazalwa ngawo;mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.
15. Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,esithi: “Uzel' inkwenkwe!”
16. Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.
17. Kaloku yena akazange andibulale ndisesesizalweni,khon' ukuze uma abe lingcwaba lam,sihlale isizalo sakhe sindimithi ngonaphakade.
18. Ngani ukuba ndizalwe kakadeukuze ndibone iinkxwaleko neentsizi,ndide ndiye kufa ndisehlazweni?