14. Unelishwa umhla endazalwa ngawo;mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.
15. Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,esithi: “Uzel' inkwenkwe!”
16. Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.
17. Kaloku yena akazange andibulale ndisesesizalweni,khon' ukuze uma abe lingcwaba lam,sihlale isizalo sakhe sindimithi ngonaphakade.
18. Ngani ukuba ndizalwe kakadeukuze ndibone iinkxwaleko neentsizi,ndide ndiye kufa ndisehlazweni?