30. “Naxa ndabohlwayayo abantwana benu,abazanga baqeqesheke.Suka nababulala ngekrele *abashumayeli,banga baqwengwe ziingonyama.
31. Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana!Ndiyintlango na kuni, maSirayeli,umhlaba osithokothoko sobumnyama?Ke kutheni ukuba abantu bam bathi:‘Siza kuhamba ngesiyibonayo.Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’
32. Ikhe izilibale iintsimbi zayo intombi?Yena umtshakazi ukhe awulibale umbhinqo wakhe?Kodwa bona abantu bam sele kukade bandilibalayo.