15. Kodwa bona abantu bam bandilibele.Bênzela izinto ezingamampunge isiqhumiso,zabakhubekisa kwiindlela zabo,nditsho umendo wamandulo.Baphambukile kwindlela eyiyo,bahamba ngeendledlana ezingalungiswanga.
16. Lo mhlaba bawutsho wayintw' ekhwankqisayo,intw' eya kuhlala ingumbono ongajongekiyo.Bonke abahamba ngendlela baya kothuka kakhulu,badlule behlunguzela iintloko bethe khumnqa.
17. Njengomoya wasempumalanga ndokwenjenjalo ukubathi saa phambi kweentshaba zabo,ndibanike umhlana, ingabi bubuso, mhla bafikelwa lishwangusha.”
18. Bathetha-thethana bathi ngam: “Masimbonele icebo uJeremiya lo. Soze siyiswele imfundiso yababingeleli, namacebo ezilumko, kunye namazwi abashumayeli. Ngoko ke masimgxibhe ngamazwi ethu, singakusi so konke akuthethayo.”
19. Ke mna ndathi:“*Ndikhoyo, ndiphulaphule;zive iintetho zabamangaleli bam!
20. Bakha babuyekezwa phi ubuhle ngobubi?Nâbo ke bendimbela umgodi.Khumbula mhla ndisiza kuwe,ndize kubacengela ukuba ungabi namsindo.
21. Ngoku ke mabafe yindlala abantwana babo;bayeke baye kufa likrele.Mababe ngamadlolo nabahlolokazi abafazi babo;amadoda abo atshabalale,noonyana babo babulawe emfazweni.
22. Makube sisijwili emizini yaboxa befike ngebhaqo abaphangi abathunywe nguwe.Bandembele umngxuma, ukuze ndeyele kuwo;bandibekele izabatha zokubambisa iinyawo zam.
23. Uyawazi, wena Ndikhoyo, onke amayelenqe abo okundibulala.Uze ungabuxoleli ubugwenxa babo,nesono sabo ungasicimi sithi shwaka emehlweni akho.Mabakhubeke bawe phantsi phambi kwakho,ubohlwaye usesemsindweni.”