1. Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.”
3. Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe.
4. Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.
5. Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: