1. Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Phakama uye emzini wombumbi; apho ndokwazisa udaba lwam.”
3. Ndaya emzini wombumbi, ndafika esebenza elityeni lakhe.
4. Kwakuthi yakungabumbeki kakuhle imbiza yodongwe, abuye aluthathe olo dongwe, enze ngalo mbiza yimbi ngokubona kwakhe.
5. Lavakala ke kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
6. “Ke, bantu bakwaSirayeli, niba mna andinako ukwenza kuni njengokuba umbumbi esenza njalo ngodongwe?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nani nisezandleni zam, njengodongwe olusezandleni zombumbi.
7. Nanini na xa ndithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolunyothula, ndiludilize, ndilutshabalalise,
8. ze lona olo hlanga luguquke, luyiyeke loo nkohlakalo ebendiluxelele yona, andiyi kukwenza oko bendithe ndokwenza.
9. Kanti ke nanini xa bendithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolwakha ndilumilisele,
10. ze lona lungandithobeli, lwenze ububi, andiyi kukwenza oko kulungileyo bendizimisele ukukwenza.
11. “Ngoku ke baxelele abantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem, uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Niyabona, ndiniqulunqele ububi, ndanicingela icebo. Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nilungise ihambo yenu nezenzo zenu.’
12. Bona ke baza kuthi: ‘Unotshe! Siza kuhamba ngokubona kwethu, elowo kuthi enze ngokuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo.’ ”
13. Ke ngoko utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Khanibuzise kwezinye iintlangaukuba yakha yehla phi na into enje ngaphambili.Intombi enguSirayeli yenze ihlazo elimanyumnyezi!
14. Likhe linyibilike liphele ikhephu ezincotsheni zeLebhanon?Yona imisinga epholileyo evela kwimithombo yakude yakha yoma nini?
15. Kodwa bona abantu bam bandilibele.Bênzela izinto ezingamampunge isiqhumiso,zabakhubekisa kwiindlela zabo,nditsho umendo wamandulo.Baphambukile kwindlela eyiyo,bahamba ngeendledlana ezingalungiswanga.