Ujeremiya 16:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Uze ungakhe uzeke mfazi, uzale oonyana neentombi kule ndawo.

3. Ngokusingisele koonyana neentombi zalapha, kunye noonina nooyise babo, utsho uNdikhoyo ukuthi:

4. ‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”

5. Ewe, utsho uNdikhoyo kum ukuthi: “Ungaze ungene kumzi apho kuqhutywa isiko lokuzila. Ungazileli okanye ukhuze namnye umntu. Kaloku ndilususile kwaba bantu uxolo lwam; andisayi kuba nanceba nabubele kubo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

6. “Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo.

Ujeremiya 16