1. Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2. “Uze ungakhe uzeke mfazi, uzale oonyana neentombi kule ndawo.
3. Ngokusingisele koonyana neentombi zalapha, kunye noonina nooyise babo, utsho uNdikhoyo ukuthi:
4. ‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”
5. Ewe, utsho uNdikhoyo kum ukuthi: “Ungaze ungene kumzi apho kuqhutywa isiko lokuzila. Ungazileli okanye ukhuze namnye umntu. Kaloku ndilususile kwaba bantu uxolo lwam; andisayi kuba nanceba nabubele kubo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
6. “Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo.