1. *UNdikhoyo uthe kum: “Nokuba kungade kube kumi uMosis kunye noSamweli apha ngaphambi kwam, bendingasokuze ndibavele aba bantu konke. Bagxothe bemke phambi kwam!
2. Xa bathi: ‘Usigxothela phi?’ uze uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi:“ ‘Abokufa mabaye ekufeni,abekrele ekreleni,abendlala kwindlala,abokuthinjwa ekuthinjweni.’”
3. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiza kubamisela iindidi zibe ne zezibetho. Ikrele liza kubatyakatya, izinja zibarhuqe, badliwe ziintaka, amarhamncwa wona abagqibezele.
4. Baza kutsho bacekiseke kuzo zonke izikumkani zehlabathi ngenxa yento eyênziwa eJerusalem nguManase into kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.