Ujeremiya 13:23-27 Ibhayibhile (XHO96)

23. Angalijika na ibala lolusu lwakhe umKushe?Yona ingwe ingawajika amabala ayo?Nani eniqhele imikhwa emibi aninakujika nenze okulungileyo.

24. “Ndiza kunichitha-chitha nixele umququ uphetshethwa ngumoya wasentlango.

25. Yinxaxheba yakho leyo,kwakunye nesabelo osahlulelwe ndim.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kaloku wandilibala wathembela kwizinto zobuxoki.

26. Ndiza kukuhluba izambatho zakho,ndikubhence, libonwe ihlazo lobuze bakho,

27. nditsho ukukrexeza kwakho,nokuthabatheka kwakho yinkanuko,ukukhanuka kwakho ezindle,namanyala okuhenyuza kwakho.Ndiwabonile amanyundululu akho ezindulini endle.Mawoo, Jerusalem!Hayi ukungcola kwakho!Kuya kude kube nini na unje!”

Ujeremiya 13