Ujeremiya 13:16-19 Ibhayibhile (XHO96)

16. Mzukiseni uNdikhoyo uThixo wenuengekaniziseli ubumnyamanikhubeke ezindulini ezinamathunzi;hleze ukukhanya enikulindeleyo kujikekube sisithokothokosobumnyama.

17. Ukuba aniva, ndiya kukhala ngasese, ndilile ngenxa yekratshi eninalo.Ndiya kutsho ezimathontsi ngenxa yomhlambi kaNdikhoyo othinjiweyo.

18. Mxeleleni ukumkani kunye nonina ukumkanikazi,nithi: “Zithobeni; hlalani phantsi;kuba izithsaba zokuhlonipheka kwenu zithulwe ezintlokweni zenu.”

19. Izixeko zelisezantsi zingqingiwe,akukho bani unako ukungena.Abantu bakwaJuda bathinjiwe,bafudusiwe xa bebonke.

Ujeremiya 13