16. Mzukiseni uNdikhoyo uThixo wenuengekaniziseli ubumnyamanikhubeke ezindulini ezinamathunzi;hleze ukukhanya enikulindeleyo kujikekube sisithokothokosobumnyama.
17. Ukuba aniva, ndiya kukhala ngasese, ndilile ngenxa yekratshi eninalo.Ndiya kutsho ezimathontsi ngenxa yomhlambi kaNdikhoyo othinjiweyo.
18. Mxeleleni ukumkani kunye nonina ukumkanikazi,nithi: “Zithobeni; hlalani phantsi;kuba izithsaba zokuhlonipheka kwenu zithulwe ezintlokweni zenu.”
19. Izixeko zelisezantsi zingqingiwe,akukho bani unako ukungena.Abantu bakwaJuda bathinjiwe,bafudusiwe xa bebonke.