Ujeremiya 11:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. nokuze isifungo endasenza kooyihlo-mkhulu sokubanika ilizwe lobusi nobisi ndisiphumeze.’ Ngulo mhlaba nimi kuwo namhlanje.”Ndaphendula ndathi: “Ewe, amen, Ndikhoyo.”

6. Wathi kum uNdikhoyo: “Hamba ke uvakalise kwiidolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, uthi: ‘Yibekeleni iindlebe imiqathango yomnqophiso, nihambe ngayo.

7. Okoko ndabakhupha eJiputa ookhokho benu ndasoloko ndigxininisa izihlandlo ngezihlandlo ndisithi kubo: “Ndithobeleni.”

8. Basuka abaphulaphula bona, abandihoya, koko basuka balandela ububi beentliziyo zabo eziqaqadekileyo. Nam ke ndabahlisela zonke iziqalekiso zomnqophiso endathi mabawuthobele, abeva.’ ”

9. Uthe uNdikhoyo kum: “Kukho iyelenqe elenziwa ngabantu bakwaJuda nabaseJerusalem.

10. Babuyele kwikakade looyise-mkhulu abalayo ukundiphulaphula. Bona bâlandela banqula *thixo bambi. Ewe, uSirayeli kunye noJuda bawaphule umnqophiso endawenza kunye nookhokho babo.

11. Utsho ke ngoko uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiza kubahlisela ishwangusha abangayi kuphuncuka kulo. Nokuba sebendibongoza andiyi kubaphulaphula.

12. Abantu bakwaJuda nabaseJerusalem baya kuya kwabo thixo bebekade bebenzela iziqhumiso, bakhale kubo becela kubo uncedo. Kodwa abayi kuzuza luncedo kwabo thixo ngomhla weshwangusha.

13. Oothixo babantu bakwaJuda baninzi kangangezixeko zalapho, ukanti abantu baseJerusalem bamenzele amaqonga eziqhumiso lowa Bhali unezothe kuzo zonke izitalato zalapho.’

14. “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.”

15. Uthi uNdikhoyo: “Wena ntandane yam, ufuna ntoni endlwini yam xa undenzela iyelenqe kunye nabanye? Ngaba amadini owenzayo olinqanda ishwangusha? Xa bekunjalo ngewuchulumacha!

16. Ndandidla ngokuthi ufana nomthi womnquma oyokozelayo uthwele iziqhamo ezihle ngembonakalo, kodwa ngoku ndiza kuvuthuza ndixele isaqhwithi, ndiwantumeke umlilo amagqabi aloo mthi, ndiwashiye amasebe eze.

17. “UJuda noSirayeli bâtyalwa ndim, mna Ndikhoyo onamandla onke, ke ngoku ndibasongela ngeshwangusha. Sisiphumo sezenzo zabo ezigwenxa esi, kuba bandiqumbisile ngokwenzela uBhali amadini esiqhumiso.”

18. *UNdikhoyo wandityhilela, khon' ukuze ndiqonde;wawavula amehlo am, ndazazi iinjongo zabo.

Ujeremiya 11