Ujeremiya 10:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Amasiko eentlanga angamampunge nje.Bagawula umthi ehlathini,ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,

4. uhonjiswe ngesiliva nangegolide,ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.

5. *Oothixo abanjalo bafana nonomgogwanaoxhonywe entsimini yentyabontyi:abakwazi kuthetha,bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.Musani ukuboyika:akukho nto imbi banganenza yona,kungekho nanto banokunceda ngayo.”

6. Ngubani onjengawe, Ndikhoyo?Umkhulu wena;igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.

7. Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga?Ewe, ufanelwe yimbeko;akakho onjengawe,nditsho phakathi kwezilumkonaphakathi kwezizwe nookumkani bazo.

8. Ziziyatha nezityhifili xa bebonke;bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?

Ujeremiya 10