17. Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni.
18. Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”
19. Athi ke mna, ukwenzakala kwam!Amanxeba am akanakuphila.Ke mna bendisithi:“Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”
20. Intente yam ibhukuqiwe;sele kuqhawuke nezo ntambo zayo.Bemkile oonyana bam;akusekho namnye useleyo.Akukho nokuba abe mnye onokuvusa intente yam;akukho namnye wokuxhoma umkhusane.