11. “Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)
12. Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,walizinzisa ngobulumko ilizwe,wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.
13. Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.
14. Bonke ziziyatha ezingenalwazi.Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,kuba abanawo umphefumlo.
15. Zizinto ezingento,izinto zokuphoxisa,izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.
16. Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi:nguye owabumba iinto zonke.AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana.USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.