Ujeremiya 10:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, nina bantu bakwaSirayeli.

2. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Musani ukulinganisa inkqubo yezinye iintlanga;musani ukothuswa yimiqondiso esesibhakabhakeni,naxa zona zisothuka iintlanga.

3. Amasiko eentlanga angamampunge nje.Bagawula umthi ehlathini,ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,

4. uhonjiswe ngesiliva nangegolide,ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.

5. *Oothixo abanjalo bafana nonomgogwanaoxhonywe entsimini yentyabontyi:abakwazi kuthetha,bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.Musani ukuboyika:akukho nto imbi banganenza yona,kungekho nanto banokunceda ngayo.”

Ujeremiya 10