Ujeremiya 10:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, nina bantu bakwaSirayeli.

2. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Musani ukulinganisa inkqubo yezinye iintlanga;musani ukothuswa yimiqondiso esesibhakabhakeni,naxa zona zisothuka iintlanga.

3. Amasiko eentlanga angamampunge nje.Bagawula umthi ehlathini,ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,

4. uhonjiswe ngesiliva nangegolide,ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.

5. *Oothixo abanjalo bafana nonomgogwanaoxhonywe entsimini yentyabontyi:abakwazi kuthetha,bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.Musani ukuboyika:akukho nto imbi banganenza yona,kungekho nanto banokunceda ngayo.”

6. Ngubani onjengawe, Ndikhoyo?Umkhulu wena;igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.

7. Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga?Ewe, ufanelwe yimbeko;akakho onjengawe,nditsho phakathi kwezilumkonaphakathi kwezizwe nookumkani bazo.

8. Ziziyatha nezityhifili xa bebonke;bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?

9. Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe,nangegolide evela eUfazi.Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandikwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.

10. Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene;yena unguThixo ophilayo,uKumkani oya kuhlala ehleli.Akuqumba yena umhlaba uyankwantya;izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe.(

11. “Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)

12. Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi,walizinzisa ngobulumko ilizwe,wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.

13. Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.

Ujeremiya 10