Uisaya 9:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo,idangazel' okomlilo wehlathi,ithunquza okwentshinyela yomsi.

19. Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onkeeli lizwe liza kuvutha,umlilo udangazeliswe ngabantu,kungabikho nonak' umntakwabo.

20. Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko;banqunqude ngapho, banganeli noko;ewe, boda batye noogxa babo.

21. UManase noEfrayim bosuka bahlaselane,kananjalo bosuka badibane ngoJuda.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

Uisaya 9