18. Ndiyazazi iingcinga nezenzo zabo. Ngoko ke ndiyeza; ndiza kuziqokelela zonke izizwe. Zakufika ke ziya kuwabona amandla am.
19. “Kambe ke ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndibasindise abanye bazo, ndibathumele kwiintlanga ezikude, ezo zingazange zive ngodumo lwam, zingawabonanga amandla nobungangamsha bam: eTashishe, eLibhiya, naseLidiya – kwezo ncutshe zeentolo – eTubhali, nakwelamaGrike. Phakathi kwezi ntlanga ke bobubhengeza ubungangamsha bam.
20. Kwezi ntlanga ke bobuya nawo amawenu abe njengomnikelo kum. Bobuya nawo beze nawo entabeni yam eyodwa eJerusalem. Baya kuza behamba ngamahashe neemeyile neenkamela, bekhwele ezinqwelweni nasezikhotshini, oku kwamaSirayeli esizisa umnikelo weenkozo endlwini kaThixo, ewuphethe ngezitya ezifanelekileyo.