Uisaya 61:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke yena uNdikhoyo uthi:“Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano;ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu.Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo,ndibenzele umnqophiso ongasoz' uthini.

9. Isizukulwana sabo soba ngoodumezweni,inzala yabo yaziwe naziintlanga.Bonke abababonayo baya kuvuma bathi:‘Luhlanga oluthamsanqelweyo nguNdikhoyo.’ ”

10. Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.

11. Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu,zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni,noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso,zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.

Uisaya 61