5. Ke zona iintlanga ziya kwalusa imihlambi yenu,zilime amasimi, zijonge nezidiliya zenu.
6. Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,nitsho nizingce niqhayise ngabo.
7. Endaweni yokuhlazeka abantu bam bofumana isabelo esiphinda-phindiweyo,endaweni yokunyoshoza bofumana ilifa elonwabisayo;ewe, boba nenxaxheba yelifa eliphinda-phindiweyo kwelakowabo,bahlale ngolonwabo olungasoze luthini.
8. Ke yena uNdikhoyo uthi:“Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano;ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu.Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo,ndibenzele umnqophiso ongasoz' uthini.
9. Isizukulwana sabo soba ngoodumezweni,inzala yabo yaziwe naziintlanga.Bonke abababonayo baya kuvuma bathi:‘Luhlanga oluthamsanqelweyo nguNdikhoyo.’ ”
10. Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
11. Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu,zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni,noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso,zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.