Uisaya 61:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo,kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,ndibophe abantliziyo zingamahlwili,ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,ndazise inkululeko kumabanjwa.

2. Undithume ukuba ndivakalise ndithiuthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo,umhla wempindezelo yoThixo wethu.Uthi mandithuthuzele abo banesingqala;

3. ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama,intambiso yolonwabo endaweni yokulila,ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa.Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa,imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe,ukuze baphuhlise isihomo sakhe.

4. Bona baya kuzivusa izixeko zamandulo,bawavumbulule namabhodlo asel' adilizwa.Baya kuzakha izixeko esezingamabobosi,ezo zatshatyalaliswa kwizizukulwana ezadlulayo.

5. Ke zona iintlanga ziya kwalusa imihlambi yenu,zilime amasimi, zijonge nezidiliya zenu.

6. Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,nitsho nizingce niqhayise ngabo.

Uisaya 61