1. Ngonyaka awasweleka ngawo ukumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli kwibhotwe layo eliphakamileyo nelizimasekileyo. Yayizithe wambu ngomnweba owawulurhululu lomwundu-wundu owalitsho lazala qhu elo pomakazi liyindlu yayo.
2. Yayiphahlwe *zizithunywa ezimaphiko ngamathandathu. Ngasinye-ngasinye kuzo, isibini samaphiko sasigqume ubuso, isibini sambathise iinyawo, ukanti ke ngala mabini aseleyo sasiphaphazela.
3. Zazikhwazana zixelelana zisithi:“Hay' isidima, ayisosidima, ayisosidima *kuNdikhoyo uSomandla-onke!Ubungangamsha bakhe bulizalisile ihlabathi jikelele!”
4. Ke kaloku eso sandi samazwi azo sazitsho zazama-zama iziseko zelo pomakazi; asisathethi ke ngomsi owawulapho, kuba wawubophe kulitsili nje!
5. Suka ke mna ndadanduluka ndathi: “Athi ke mna, mntu uludwayi! Kuxa bendingubani kakade ndingumfi nje! Kaloku nokuthetha kwam kuvuza ukona, ibe ke ndimi phakathi kwabantu abathi bakuthetha kurhuq' ukona. Kambe ke naxa kunjalo, uKumkani onguNdikhoyo uSomandla-onke ndimbone ngala wam amehlo!”
6. Sasuka ke esinye sezo zithunywa ezimaphiko saphaphazela seza kum, siphethe ilahle elivuthayo, esasilithathe ngesibambo phaya kwiqonga leziqhumiso.