Uisaya 59:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Abantu bathi:“Ewe, ngenene asilungiselelwa;ubulungisa abufikeleli kuthi.Silindela ukukhanya, kuthi gqi ubumnyama;silindela ilitha, suka kusibekele.

10. Siyaphuthaphutha ngathi siziimfama;siyaphampatha ngathi asinamehlo.Sikhubeka emini ngathi kusebusuku,kwabaphilayo ngathi singabafileyo.

11. Sibhomboloza ngathi singamarhamncwa;sitsho ngesimbonono ngathi ngamahobe.Sibe ngafuna ukulungiselelwa, kungabikho;sakuthalaza usindiso suka lube ziinkwenkwezi.

12. “Ndikhoyo, sikone ngokuphinda-phindeneyo;izono zethu nâzo zisimangalela.Ewe, ngenene singabakreqileyo;siyabuqonda yaye sibuvuma ubugwenxa bethu.

13. Sikuvukele ngobuqhetseba, wena Ndikhoyo;suka safulathela asamlandela uThixo wethu;suka saphul' izikeyi, sifuth' ingcinezelo,sayil' inkohliso, satheth' ubuxoki.

14. Ngoku ke umthetho urhoxile,nobulungisa bumele qelele.Phandle phaya inyaniso iyaphephetheka,nokunyaniseka akungeni ndawo.

15. Ewe, inyaniso yafuduka mpela-mpela;oshiy' ububi uzibhaqa elixhoba.”Akukhangela *uNdikhoyo suka wakhathazekaakubona umthetho unyathelwa ngeenyawo.

16. Akukhangela akabonanga mncedi konke,suka wakhathazeka kwakungabikho mlamli.Ngoko ke suka waxhabasha ngamandla akhe asindisayo,ukuze azuze uloyiso ngobulungisa bakhe.

17. Uthe gaxa ubulungisa esifubeni,watsho ngomnqwazi wosindiso entloko.Ewe, kaloku uvath' impindezelo,wada wazithándela ngekhwele.

18. Abantu wobohlwaya ngokwezono abazenzileyo;iintshaba uza kuziphakel' ingqumbo,abalwa naye ababel' impindezelo,ade aye kuqhina nakwabo bakude.

19. Entshonalanga bonkwantya besoyika uNdikhoyo,lufikelele nasempuma udumo lwakhe.Ekuhlaseleni kotshaba oluza ngokomlambo otyhulubayo,uMoya kaNdikhoyo uya kuluswantsulisa.

20. “UMkhululi uyeza eZiyon;uza kukhulula abakwaYakobi abazisolayo ngezono zabo.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

21. UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”

Uisaya 59