4. Akukho ukhathalele ubulungisa;xa bemangalelana bubuqhophololo bodwa.Bakholosa ngenkohliso nobuxoki;bakhawula inkathazo, bazale inkohlakalo.
5. Baqandusela amaqanda erhamba,batsho ngobobo lwamayelenqe.Maqanda lawo ke ayityhefu –lithi lingakroboka kuthi gqi irhamba.
6. Amayelenqe abo akancedi mntu;ewe, akambathwa njengengubo.Imisebenzi yabo ngamanyondololo;ngezandla zabo basebenza ububhoja.
7. Bahamba ngezantya xa besiya kona;bayakhawuleza xa babulala ongenatyala.Ngeengcinga bayila inkohlakalo yodwa;endleleni yabo yimbubho nentshabalalo.
8. Ewe, indlela yoxolo abayazi;umthetho nesiko abahambi ngawo.Iindlela zabo bubuqili nobuqhophololo;abahamba ngazo soze babe noxolo.