19. Entshonalanga bonkwantya besoyika uNdikhoyo,lufikelele nasempuma udumo lwakhe.Ekuhlaseleni kotshaba oluza ngokomlambo otyhulubayo,uMoya kaNdikhoyo uya kuluswantsulisa.
20. “UMkhululi uyeza eZiyon;uza kukhulula abakwaYakobi abazisolayo ngezono zabo.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
21. UNdikhoyo uthi: “Ndiza kwenza umnqophiso nani. Amandla nemfundiso endininike yona yohlala iyeyenu; ngokunjalo ke ukusukela ngoku ngamana nandithobela, nide nifundise nesizukulwana senu, khon' ukuze naso sindithobele kude kuye ephakadeni.”