Uisaya 59:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngenene isandla *sikaNdikhoyo asisifutshaneukuba ade angabi nako ukumhlangula umntu.Ewe, yena akasiso isithuluukuba ade angeva.

2. Nto nje ubugwenxa benu bungumqobo;buthe zinzi phakathi kwenu noThixo.Ewe, zizono zenu ezimsithayo uThixo kuni,yiyo nale nto ngáthi akaniva.

3. Izandla zenu zidyojwe ligazi,neminwe yenu inkone kukona.Ngemilomo yenu niyaxoka,kananjalo nithulula inkohlakalo.

4. Akukho ukhathalele ubulungisa;xa bemangalelana bubuqhophololo bodwa.Bakholosa ngenkohliso nobuxoki;bakhawula inkathazo, bazale inkohlakalo.

Uisaya 59