11. Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;zonke zenza ngokuzithandela;ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.
12. Ungaziva zisithi:“Yizani sihambe siye etywaleni;masibutye sibuphathe ngeembambo.Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”